4. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba.
5. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.
6. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.