Umatewu 13:36-43 Ibhayibhile (XHO96)

36. Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.”

37. Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu.

38. Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo.

39. Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu.

40. Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade.

41. UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho,

42. zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.

43. Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.”

Umatewu 13