25. Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka.
26. Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula.
27. Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’
28. Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’
29. Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa.
30. Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”