23. Eyahlwayelwa emhlabeni olungileyo ifanekisa lowo uzivayo aziqonde iindaba ezi, aze avelise isiqhamo, omnye ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomye amashumi amathathu.”
24. Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa, nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yakhe.
25. Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka.
26. Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula.
27. Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’
28. Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’
29. Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa.