16. “Kodwa nina ninoyolo, kuba ninamehlo abonayo, kwaneendlebe ezivayo.
17. Ke ndithi kuni, inene, baninzi *abashumayeli nabantu abangamalungisa ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo, àbazibona, nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.”
18. “Nina ke, yiveni ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli.
19. Ukuba ubani uthi azive iindaba ezingolawulo lukaThixo, angàziqondi, uyeza ongendawo akuhluthe oko kwakuhlwayelwe entliziyweni yakhe. Yiyo leyo imbewu ehlwayelwe endleleni.
20. Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo.
21. Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko.