35. Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye.
36. “Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.
37. Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”
38. Abathile kubachazi-mthetho *nabaFarasi bathi kuYesu: “Mfundisi, sicela ukuba usibonise umqondiso.”