Umatewu 12:27-32 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo.

28. Ukuba ke ndizikhupha ngoMoya kaThixo iindimoni, ulawulo lukaThixo aluthwasanga, lugalelekile kuni.

29. “Angathini umntu ukungena endlwini yegorha, ahluthe impahla yalo, engathanga kuqala alibophe igorha elo, aze ke andule ukuyiphanga indlu leyo.

30. “Lowo ungekho kwicala lam, uchasene nam, nalowo ungandincedisiyo ukuqokelela, uyachitha.

31. Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa.

32. Othe wathetha ilizwi elichasene naye *uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.”

Umatewu 12