Umatewu 1:18-21 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima.

19. Ke uJosefu, umyeni wakhe, wayelilungisa, engafuni ukumhlaza uMariya, waza wazimisela ukumala ngasese.

20. Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.

21. Úya kuzala unyana, ùmthiye igama *elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”

Umatewu 1