Umatewu 1:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;

14. uAzore wazala uZadoki; uZadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi;

15. uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;

16. uYakobi wazala uJosefu, umyeni kaMariya, unina kaYesu, lo kuthiwa *nguKrestu.

17. Izizukulwana bezilishumi elinane ukususela kuAbraham kuye kuDavide; zilishumi elinane ukususela kuDavide kuye ekufuduselweni kwabo eBhabheli; zikwalishumi elinane ukususela ekufuduselweni kwabo eBhabheli kuye ekuzalweni kukaKrestu.

Umatewu 1