1. Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
2. UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo;
3. uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram;
4. uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman;