Umarko 9:35-41 Ibhayibhile (XHO96)

35. UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”

36. Wathatha umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamsingatha, wathi kubo:

37. “Othe egameni lam wamkela noko amnye wabantwana abanje, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna nje, wamkela lowo wandithumayo.”

38. UYohane wathi kuYesu: “Mfundisi, sibone umntu okhupha iindimoni egameni lakho, saza samnqanda ke, kuba engenguye oweqela labafundi bakho.”

39. Wathi uYesu: “Hayi, ngeningamnqandanga, kuba akukho namnye unokuthi enze ummangaliso egameni lam, aze andigxeke.

40. Ongachasaniyo nathi ungakuthi.

41. Inene, othe wanipha nekomityi le yamanzi ngenxa yam, ngokuba ningabakaKrestu, wowamkela ngokuqinisekileyo umvuzo wakhe.”

Umarko 9