Umarko 9:24-30 Ibhayibhile (XHO96)

24. Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!”

25. UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!”

26. Yakhala indimoni, yambetha watsho waxhuzula kunene umntwana, yaphuma. Umntwana lowo ke waba njengofileyo, bada abaninzi bathi: “Ufile.”

27. UYesu ke wambamba ngesandla, wamvusa, wesuka wema.

28. UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?”

29. Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”

30. Bemkile apho, bahamba becanda kwelaseGalili. UYesu wayengafuni ukuba aziwe apho akhona,

Umarko 9