Umarko 9:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. UYesu ke wabuza kuyise ukuba únaxesha lingakanani na ehliwe yile nto.Wathi yena: “Kwasebuntwaneni bakhe.

22. Le ndimoni imphose kaninzi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba imtshabalalise. Ke ukuba unako ukwenza into, sincede uvelane nathi.”

23. Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”

24. Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!”

Umarko 9