5. Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?”Bathi ke bona: “Zisixhenxe.”
6. UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke.
7. Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo.
8. Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela.
9. UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu;