3. Ukuba ndiyabandulula bagoduke bengatyanga, bophelelwa endleleni, kuba inxenye yabo ivela kude.”
4. Bamphendula abafundi bakhe besithi: “Kungafumaneka phi apha entlango ukutya okunokubanela aba bantu?”
5. Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?”Bathi ke bona: “Zisixhenxe.”
6. UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke.
7. Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo.