Umarko 8:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. Bafika ke eBhetesayida, kweziswa imfama kuYesu, wabongozwa ukuba ayichukumise.

23. UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini; waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na.

24. Yaphakamisa intloko, yathi: “Ndibona abantu, bengathi yimithi. Nâbo behamba.”

25. Kwakhona ke uYesu wazibeka izandla emehlweni ayo, yaza yakhangela yondela, yaphila, yabona konke ngokucacileyo.

Umarko 8