Umarko 8:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. ukuba zazingaphi iingobozi ezizele ngamasalela okuyá ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?”Bathi kuye: “Zazilishumi elinambini.”

20. Kwakhona wathi: “Okuyá ke izonka ezisixhenxe ndandiziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iibhaskiti ezazizele yintsalela?”Bathi ke: “Zazisixhenxe.”

21. Wathi ke kubo: “Phofu yini na ke ukuba ningaqondi?”

22. Bafika ke eBhetesayida, kweziswa imfama kuYesu, wabongozwa ukuba ayichukumise.

23. UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini; waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na.

24. Yaphakamisa intloko, yathi: “Ndibona abantu, bengathi yimithi. Nâbo behamba.”

25. Kwakhona ke uYesu wazibeka izandla emehlweni ayo, yaza yakhangela yondela, yaphila, yabona konke ngokucacileyo.

26. UYesu ke wayiyalela ukuba igoduke, esithi: “Sukubuyela edolophini.”

27. Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”

28. Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”

Umarko 8