Umarko 8:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na

19. ukuba zazingaphi iingobozi ezizele ngamasalela okuyá ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?”Bathi kuye: “Zazilishumi elinambini.”

20. Kwakhona wathi: “Okuyá ke izonka ezisixhenxe ndandiziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iibhaskiti ezazizele yintsalela?”Bathi ke: “Zazisixhenxe.”

21. Wathi ke kubo: “Phofu yini na ke ukuba ningaqondi?”

22. Bafika ke eBhetesayida, kweziswa imfama kuYesu, wabongozwa ukuba ayichukumise.

Umarko 8