36. bandulule abantu bemke, baye emizini ejikelezileyo nasezidolophaneni, bazithengele ukutya.”
37. Kodwa waphendula wathi kubo: “Bapheni nina ukutya.”Bathi kuye ke: “Masithini ke? Uthi masiye kuthenga izonka zeerandi ezingamakhulu amabini, sibaphe batye?”
38. Wathi yena kubo: “Izonka eninazo zingaphi? Hambani niye kukhangela.”Besazi ke, bathi: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”
39. UYesu wabayalela abafundi bakhe ukuba babahlalise phantsi bonke engceni eluhlaza, babe ngamaqela ngamaqela.
40. Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu.