Umarko 4:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi:

3. “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela.

4. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zafika iintaka zayichola zayigqiba.

5. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho kwakungekho mhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.

6. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.

Umarko 4