Umarko 2:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo:

7. “Yini na ukuba lo athethe ngolu hlobo? Uyanyelisa! Ngubani onako ukuxolela izono ingenguye uThixo kuphela?”

8. Kwangoko uYesu wazazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?

9. Okukona kulula kukuphi na? Kukho ukuthi kofe umzimba: ‘Izono zakho zixolelwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho uhambe’?

10. Ke ukuze nazi ukuba *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba –

11. ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.’ ”

12. Wavuka kwangoko ke, wathatha ukhuko, wemka. Bamangaliswa bonke, bemdumisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enje!”

Umarko 2