4. Bakuba bengenakusondela kuYesu ngenxa yokuxinana kwendimbane, baqhaqhe uphahla ngakuloo ndawo wayekuyo. Begqobhozile ke, bamhlisa ngokhuko lowo ufe umzimba.
5. UYesu akulubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.”
6. Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo:
7. “Yini na ukuba lo athethe ngolu hlobo? Uyanyelisa! Ngubani onako ukuxolela izono ingenguye uThixo kuphela?”
8. Kwangoko uYesu wazazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?
9. Okukona kulula kukuphi na? Kukho ukuthi kofe umzimba: ‘Izono zakho zixolelwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho uhambe’?
10. Ke ukuze nazi ukuba *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba –
11. ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.’ ”
12. Wavuka kwangoko ke, wathatha ukhuko, wemka. Bamangaliswa bonke, bemdumisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enje!”
13. UYesu wabuya waphuma waya ngaselwandle. Kwaza ke kwahlanganisana isihlwele ngakuye, wasifundisa.
14. Wathi edlula wabona uLevi, unyana ka-Alifeyu, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Waphakama ke, wamlandela.