20. Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila.
21. “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba ukuba uthe wenjenjalo, sofinyela, sisikrazule ngakumbi isambatho eso.
22. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka ziphele iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha.”