Umarko 15:33-40 Ibhayibhile (XHO96)

33. Ke kaloku ngentsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.

34. Ngentsimbi yesithathu ke, uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eloyi, Eloyi, lama sabaktani?” (Oko kukuthi xa kuguqulwayo: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)

35. Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Yivani, ubiza uEliya.”

36. Wabaleka omnye, wazalisa imfunxa ngewayini emuncu, wayibeka engcongolweni, wamseza, esithi: “Kahleni, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.”

37. UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

38. Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi.

39. Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”

40. Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi.

Umarko 15