Umarko 14:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, xa kwakubingelelwa itakane *lePasika, abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na iPasika?”

13. Ke wathuma bababini kubafundi bakhe, wathi kubo: “Hambani niye esixekweni. Nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Mlandeleni ke,

14. niye kuloo ndlu angena kuyo, nithi kumnini-mzi: ‘Uthi uMfundisi: “Liphi na igumbi leendwendwe elilungiselelwe mna, apho ndingáyidlela khona iPasika nabafundi bam?” ’

15. Yena wonibonisa igumbi elikhulu, eliphezulu, linempahla yalo. Lungiselelani apho ke.”

16. Bahamba abo bafundi, baya kungena esixekweni, bafika kunjengoko wayetshilo, bayilungiselela iPasika.

Umarko 14