8. Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo, kubekho neendlala. Kunjengokuqala kwenimba ke oko.
9. “Zilumkeleni ke okwenu. Baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ningqine kubo.
10. Kuqala ke iindaba ezimnandi ezi zimelwe kukuvakaliswa kuzo zonke iintlanga.
11. Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.