13. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.”
14. “Ke kaloku, xa nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso,’ lilapho lingamelwe kukuba khona (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni.
15. Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe.
16. Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe.
17. Hayi ke kwabanzima nabadlezana ngaloo mihla!
18. Thandazelani ukuba oku kungenzeki ebusika,
19. kuba ngaloo mihla kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwendalo nguThixo, kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo.
20. Ke ukuba iNkosi ibingayinciphisanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa iNkosi ithe, ngenxa yabanyulwa abachongwe yiyo, yayinciphisa imihla leyo.
21. “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha *uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukukholwa kuloo nto;
22. kuba kuya kuvela abathi banguKrestu bengenguye, kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso kangangokuba bade balahlekise nabanyulwa bakaThixo, ukuba oko bekunokwenzeka.
23. Lumkani ke nina! Kaloku ndinixelele ezi zinto zingekenzeki.”
24. “Ngaloo mihla, emva kwayo loo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi,
25. zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke.
26. Baya kumbona ke ngelo xesha *uNyana woLuntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli.
27. Ngelo xesha uya kuthuma izithunywa zezulu zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.”
28. “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.