1. Xa ke uYesu wayephuma *endlwini kaThixo, omnye umfundi wakhe wathi kuye: “Mfundisi, uyawabona la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?”
2. Waphendula uYesu wathi kuye: “Uyazibona ezi zakhiwo zingaka? Akusayi kusala litye phezu kwelitye elingayi kudilizwa.”
3. UYesu wayehleli eNtabeni yemiNquma, ejongene *nendlu kaThixo, baza bambuza bebodwa ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi:
4. “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo.”
5. Waza wabaphendula uYesu wathi: “Lumkani ningalahlekiswa bani,
6. kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu.
7. Xa nithe neva ngeemfazwe nangamarhe eemfazwe, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko.