Umarko 12:39-43 Ibhayibhile (XHO96)

39. befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.

40. Abo bayiphangayo imizi nemfuyo yabahlolokazi, baze bazenzise besitsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”

41. UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu.

42. Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti.

43. UYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli.

Umarko 12