Umarko 12:35-39 Ibhayibhile (XHO96)

35. Efundisa *endlwini kaThixo uYesu, wabuza esithi: “Batsho ngani na abachazi-mthetho ukuthi: ‘UKrestu ngunyana kaDavide’?

36. Kaloku uDavide ngokwakhe, ekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, wathi:“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wongalo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’

37. “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ke ukuba ngunyana wakhe?”Yamphulaphula ngomdla loo ndimbane yabantu.

38. Ekusifundiseni kwakhe uYesu isihlwele wayesithi: “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo kwiindawo zembutho,

39. befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.

Umarko 12