Umarko 12:25-33 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.

26. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’?

27. AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”

28. Kwafika omnye wabachazi-mthetho, wabeva bebambene ngemibuzo, waqonda ukuba uYesu ubaphendule kakuhle. Wambuza ke esithi: “Owona myalelo mkhulu kunayo yonke nguwuphi?”

29. UYesu wamphendula esithi: “Owona myalelo mkhulu ngulo uthi: ‘Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi ényé.

30. Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.’

31. Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.”

32. Umchazi-mthetho ke wathi kuye: “Ngxatsho ke, Mfundisi, unyanisile ukuthi mnye uThixo, kungekho wumbi ngaphandle kwakhe;

33. nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.”

Umarko 12