Umarko 12:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo: “Nindilingelani na? Ndiziseleni imali ndiyibone.”

16. Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Bathi kuye: “NgokaKhesare.”

17. Waphendula ke uYesu, wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”Bamangaliseka yimpendulo yakhe.

18. Kweza *nabaSadusi kuYesu (bona bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi:

19. “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi lowo.’

Umarko 12