Umarko 10:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi.

7. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo,

8. baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye.

9. Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”

10. Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza uYesu ngayo loo nto.

11. Wathi ke kubo: “Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza.

12. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.”

13. Kwathi xa kwakuziswa abantwana kuYesu ukuba abachukumise, basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo.

14. Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wakhathazeka, wathi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.

15. Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”

16. Waza wabasingatha abantwana, wabasikelela ebabeka izandla.

Umarko 10