Umarko 10:35-45 Ibhayibhile (XHO96)

35. Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.”

36. Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?”

37. Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.”

38. Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?”

39. Bathi ke bona kuye: “Sinako.”Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo;

40. kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.”

41. Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka.

42. UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.

43. Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

44. nofuna ukuba ngowokuqala, makabe sisicaka sabo bonke.

45. Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

Umarko 10