Umarko 10:26-29 Ibhayibhile (XHO96)

26. Bamangaliswa kunene, bathi omnye komnye: “Ngubani ke onokusindiswa?”

27. Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”

28. Waza uPetros wathi kuye: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”

29. Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi,

Umarko 10