Umarko 10:19-23 Ibhayibhile (XHO96)

19. Uyayazi le mithetho ithi: ‘Uze ungabulali; uze ungakrexezi; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; uze ungaqhathi; beka uyihlo nonyoko.’”

20. Waphendula yena wathi kuye: “Mfundisi, zonke ezo zinto ndazenza kwasebuncinaneni bam.”

21. UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”

22. Wadana akukuva oko, wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.

23. UYesu ke esinga-singile, wathi kubafundi bakhe: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo!”

Umarko 10