Umarko 10:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emkile apho, uYesu waya kwelakwaJuda naphesheya kweJordan. Kwabuya ke kwahlanganisana izihlwele ngakuye, waza wathi ngokwesiqhelo sakhe wazifundisa.

2. Bafika *abaFarasi, bathi ngokumlinga bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo.

3. Waphendula wathi kubo: “UMosis waniwisela mthetho mni na?”

4. Bathi bona: “UMosis uyayivumela indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize ke imale umfazi wayo.”

5. Waphendula uYesu wathi kubo: “Wanibhalela lo mthetho ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zenu,

Umarko 10