9. Xa ninonke ke, isizwe sonke, niqalekisiwe kuba niyandiqhatha.
10. “Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.
11. Izinambuzane ndozithintela zingazitshabalalisi izilimo zenu, nemidiliya yenu emasimini ingaphulukani neziqhamo zayo.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
12. “Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
13. “Nithethe amazwi aqatha ngam,” utsho uNdikhoyo.“Kambe ke nina nithi: ‘Sithethe ntonitna ngawe?’
14. “Kaloku nithi: ‘Kulilizé ukukhonza uThixo. Kube yinzuzoni na kuthi ukugcina oko akulindeleyo? Kusincede ntoni ukuhamba okwabazilileyo phambi koNdikhoyo onamandla onke?
15. Kakade, abanekratshi ngabona bathamsanqelekileyo! Abantu abenza izinto ezimbi bayaphumelela; uThixo bayamnyola, bajike basinde.’ ”
16. Ke bona abamhlonelayo uNdikhoyo babencokola bodwa, waza weva waphulaphula uNdikhoyo. Phambi kwakhe kwabhalwa incwadi yesikhumbuzo yâbo bamhlonelayo belinika imbeko igama lakhe.