Umalaki 3:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Umntu angamqhatha na uThixo? Kanti nina niyandiqhatha!“Nobuza ke nithi: ‘Sikuqhatha kanjani na?’“Kaloku nindenzela ubuqhophololo kwizishumi nakwiminikelo.

9. Xa ninonke ke, isizwe sonke, niqalekisiwe kuba niyandiqhatha.

10. “Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.

11. Izinambuzane ndozithintela zingazitshabalalisi izilimo zenu, nemidiliya yenu emasimini ingaphulukani neziqhamo zayo.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

Umalaki 3