11. Abantu bakwaJuda bazaphule izibhambathiso; benze amasikizi kwelakwaSirayeli naseJerusalem. Ewe, abantu bakwaJuda basixabhele isibingelelo asithandayo *uNdikhoyo, batshata neentombi ezinqula uthixo wasemzini.
12. Ngamana ke uNdikhoyo wamsika kumzi wakwaYakobi nabani na owenza isikizi elinje, nokuba angade azise iminikelo kuNdikhoyo onamandla onke.
13. Nantsi enye into eniyenzayo: Iqonga likaNdikhoyo nilitsho lithi gwantyi ziinyembezi, nintywizisa nincwina, kuba engasayise so iminikelo yenu, engasayamkeli ngothakazelelo ezandleni zenu.
14. Ke nina nithi: “Ngaba kutheni?” Kungenxa yokuba uNdikhoyo eyazi into eyenzekileyo phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho. Kaloku uzaphule izithembiso owazenza kunye naye, yena mlingane wakho, nditsho umfazi wakho onqophisene naye.