Umalaki 1:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. “Unyana uyamhlonela uyise, kanti nesicaka siyayithobela inkosi yaso. Ukuba ke mna ndinguyihlo, kuphi ukuhlonitshwa kwam? Ukuba ndiyinkosi, kuphi ukoyikwa kwam?” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Nini, babingelelindini, abalidelayo igama lam.”“Ke nina nithi: ‘Silidele ngokuthini igama lakho?’

7. “Nibeka ukutya okungcolileyo eqongeni lam lamadini, nibe kodwa nisithi: ‘Sikunyelise ngokuthini?’“Ewe, ngokuthi kwenu: ‘Isithebe sikaNdikhoyo sidelekile.’

8. Ningathini ukundenzela idini ngento etyhaphakileyo? Asiyonto imbi na leyo? Ningathini ukundenzela amadini ngempahla eqhwalelayo negulayo? Asiyonto imbi na leyo? Ninganikela ngayo na kwirhuluneli yenu? Ngaba inganeliseka na nguwe?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

9. “Ke ngoko khanimbongoze uThixo ukuze asenzele inceba! Oku kwenziwe zizandla zenu; ngaba uya kunamkela na?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

Umalaki 1