Umalaki 1:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. “Akwaba bekungakho ubani kuni owavalayo amasango ale ndlu, ukuze niyeke ukwenza imililo ephuthileyo kweli qonga! Andanelisekanga tu nini, futhi andiyi kwamkela nto esandleni senu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

11. “Ukususela empumalanga, kuye entshonalanga, igama lam loba yimbalasane ezizweni. Ewe, kuyo yonke indawo igama lam lenzelwa iziqhumiso, kunikelwa iminikelo ehlambulukileyo; kaloku igama lam liyimbalasane ezizweni.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

12. “Ewe, nilixabhele igama lam ngokuthi: ‘Isithebe sikaNdikhoyo singcolile, nokutya okuphezu kwaso kuyanyanyeka.’

13. Niphinde nithi: ‘Kwekh' olu xanduva!’ Nitsho nisisinekele.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.“Xa nindizisela imphahla ebiweyo neqhwalelayo negulayo, nindenzela amadini ngayo, nithi mandiyamkele ezandleni zenu loo nto?” Utsho uNdikhoyo.

14. “Hay' ishwangusha kumntu onobuqhophololo, othi enalo iduna elingenasiphako kumhlambi wakhe, abhambathise ukunikela ngalo, kodwa abuye enze ubuqili anikele ngelinesiphako eNkosini! Kaloku ndiyingangalala yokumkani, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

Umalaki 1