1. Nalu udaba olundilisekileyo, nditsho ilizwi *likaNdikhoyo kumaSirayeli eleza noMalaki.
2. *UNdikhoyo uthi: “Ndiyanithanda.”Kodwa nina nithi: “Usithanda njani?”Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: “UEsawu asimtakwabo-Yakobi na? Kanti uYakobi yena ndimthandile,
3. ndaza uEsawu ndamthiya, nomhlaba wakhe weentaba ndawutsho waba yinkangala, ilifa lakhe laba leleempungutye zasentlango.”
4. AmaEdom angasuka athi: “Nakuba sikhahlelwe phantsi nje, kodwa sosuka siwavuse siwakhe la mabhodlo.”Ke utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Makakhe kaloku, kodwa mna ndosuka ndidilize konke nje. Kuya kuthiwa bangummandla wobugwenxa, abantu abasoloko bephantsi kwengqumbo kaNdikhoyo.