Umalaki 1:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nalu udaba olundilisekileyo, nditsho ilizwi *likaNdikhoyo kumaSirayeli eleza noMalaki.

2. *UNdikhoyo uthi: “Ndiyanithanda.”Kodwa nina nithi: “Usithanda njani?”Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: “UEsawu asimtakwabo-Yakobi na? Kanti uYakobi yena ndimthandile,

3. ndaza uEsawu ndamthiya, nomhlaba wakhe weentaba ndawutsho waba yinkangala, ilifa lakhe laba leleempungutye zasentlango.”

4. AmaEdom angasuka athi: “Nakuba sikhahlelwe phantsi nje, kodwa sosuka siwavuse siwakhe la mabhodlo.”Ke utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Makakhe kaloku, kodwa mna ndosuka ndidilize konke nje. Kuya kuthiwa bangummandla wobugwenxa, abantu abasoloko bephantsi kwengqumbo kaNdikhoyo.

Umalaki 1