Uluka 5:5-7 Ibhayibhile (XHO96)

5. Waphendula uSimon wathi kuye: “Mhlekazi, sibulaleke ubusuku bonke, asabamba nento le; kodwa ngokutsho kwakho ndiya kuwuhlisa umnatha.”

6. Bathi bakwenjenjalo, babambisa inkitha yeentlanzi, kangangokuba waphants' ukuqhaqheka umnatha wabo.

7. Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubancedisa. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants' ukutshona.

Uluka 5