Uluka 5:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Kwathi uYesu ekwidolophu ethile kwafika indoda ithe gqume liqhenqa. Le ndoda ke, yakumbona uYesu, yawa ngobuso phambi kwakhe, yambongoza isithi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula, ukuba uyathanda.”

13. Wasolula uYesu isandla, wayichukumisa, esithi: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Kwangoko laphela kuyo iqhenqa.

14. UYesu ke wayiyala esithi mayingaxeleli bani, waza wathi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina bokuhlanjululwa kwakho.”

15. Kwaba kukhona ke uYesu angundabamlonyeni; kwaza kwabuthelana isihlwele esikhulu, sisiza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kwizifo ngezifo.

16. Ke yena uYesu wayemana ukuya esiguqweni ngasese, athandaze.

17. Kwathi ngamini ithile uYesu efundisa, kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho, bephuma kuzo zonke iindolophu zelaseGalili nelakwaJuda, naseJerusalem. Amandla eNkosi ayekho kuye, ephilisa.

18. Nako ke kufika amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi koYesu.

Uluka 5