1. UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya
2. iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
3. Ke umtyholi wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho eli litye libe sisonka.”