51. Yona yayingavumelananga necebo labo kwanesenzo sabo. Le ndoda yaseArimati, idolophu yamaJuda, yayilulindele ulawulo lukaThixo.
52. Yona ke yaya kuPilato, yawucela umzimba kaYesu;
53. yaza yawuthula, yawusongela ngengubo yelinen, yawubeka engcwabeni elixholwe eliweni, ebekungekangcwatywa bani kulo.
54. KwakungoLwesihlanu, *uMhla wokuPhumla sewusondela.
55. Abo bafazi bà belandela uYesu, bephuma eGalili, bâlandela uJosefu, balibona ingcwaba nomzimba kaYesu ubekwa kulo;
56. baza babuya, balungisa iziqholo nezithambiso.Baphumla ke ngoMhla wokuPhumla ngokomthetho.