Uluka 23:51-56 Ibhayibhile (XHO96)

51. Yona yayingavumelananga necebo labo kwanesenzo sabo. Le ndoda yaseArimati, idolophu yamaJuda, yayilulindele ulawulo lukaThixo.

52. Yona ke yaya kuPilato, yawucela umzimba kaYesu;

53. yaza yawuthula, yawusongela ngengubo yelinen, yawubeka engcwabeni elixholwe eliweni, ebekungekangcwatywa bani kulo.

54. KwakungoLwesihlanu, *uMhla wokuPhumla sewusondela.

55. Abo bafazi bàbelandela uYesu, bephuma eGalili, bâlandela uJosefu, balibona ingcwaba nomzimba kaYesu ubekwa kulo;

56. baza babuya, balungisa iziqholo nezithambiso.Baphumla ke ngoMhla wokuPhumla ngokomthetho.

Uluka 23