Uluka 22:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. UYesu ke wathuma uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye kusilungiselela iPasika.”

9. Baza bathi kuye: “Ufuna ukuba siyilungiselele phi na?”

10. Wathi kubo: “Khangelani, nakungena esixekweni, nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Ze nimlandele, niye kuloo ndlu angena kuyo;

11. nize nithi kumnini-mzi: ‘Úthi uMfundisi: Liphi na igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’

12. Yena wonibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinempahla yalo. Lungisani apho ke.”

13. Bemka, bafika kunjengoko ebetshilo kubo, baza bayilungiselela iPasika.

Uluka 22