Uluka 22:28-38 Ibhayibhile (XHO96)

28. “Nina nahlala nihleli nam ekulingweni kwam.

29. Kwanjengokuba uBawo endinike igunya lokulawula, nam ndininika elo gunya,

30. ukuze nitye, nisele, etafileni yam kwikomkhulu lam, nihlale ezikhundleni zokulawula, nigweba izindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.”

31. UYesu wathi: “Uyabona, wena Simon, uSathana ebenibanga efuna ukunihlungula okwengqolowa,

32. kodwa mna ndikuthandazele ukuba ukholo lwakho lungapheli. Nawe ke, xa uthe waguquka, uze uwomeleze amakholwa.”

33. UPetros ke wathi kuye: “Nkosi, ndixolèlè nokuya kunye nawe entolongweni nokuba kusekufeni.”

34. UYesu wathi: “Inene, Petros, kothi namhlanje ingekakhali inkuku, ube wena sewukhanyele kathathu ukuba uyandazi.”

35. Ke uYesu wathi kubo: “Ngôkúyâ ndandinithume ningenasipaji, nangxowa yamphako, nazihlangu, nakha naswela nto na?”Bathi ke bona: “Nento le.”

36. Waza wathi kubo: “Ke ngoku lowo unesipaji makasithathe, enjenjalo nonengxowa yomphako, aze nalowo ungenakrele athengise ingubo yakhe alithenge.

37. Inene, kuya kwenzeka kum oko kubhaliweyo *eziBhalweni kwathiwa: ‘Wabalelwa kwizaphula-mthetho,’ kuba oko kubhaliweyo ngam akunakungenzeki.”

38. Ke bona bathi: “Nkosi, nanga amakrele amabini.”Waza wathi kubo: “Kwanele.”

Uluka 22