14. Lakufika ixesha, uYesu uye kuhlala etafileni enabathunywa bakhe;
15. waza wathi kubo: “Bendilangazelela kakhulu ukuyitya kunye nani le Pasika, ndingekabuva ubunzima.
16. Inene, andiyi kuba sayidla konke, de ibe izalisekile kulawulo olutsha lukaThixo.”
17. UYesu ke wathatha indebe, wabulela, waza wathi: “Yithatheni, nabelane ngayo.
18. Inene, andisayi kusela kwincindi yomdiliya lude luthwase ulawulo olutsha lukaThixo.”
19. Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo [onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”
20. Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.]